Village Scribe Association
Village Scribe Association
Umbutho wophuhliso lolwazi oluphezulu nophuhliso kunxibelelwano kwezochwephesho
i-Village Scribe Project
Elinye ithuba liyaqwalaselwa yiDyunivesiti yaseFort Hare. Uncedwana luyanikezelwa kumalungu omphakathi ngendlela yokuba bazilanda zonke iimpepha zesicelo phambi kokuba bahambe loondlela inde iya eMthatha. Bangeva nokuba kuvulwa kuvalwe nini na ezi-ofisini abafuna ukuzityelela, bazincede ekuhambeni lomgama umde. i-software eloluhlobo ingakhuliswa njengokuba oorhulumente beqhuba ngokwamkela unxibelelwano olu-digital kubucukubhode babo bevumela i-software yangaphandle ifikelele kulwazi lukarhulumente, njengoko kusenzeka kumhlaba wonke.
i-Project yaBameli beLali iyakuba kwindawo yokuqwalasela ukuba zeziphi na izinikelo ezinokunceda umphakathi. Ngentsebenziswano yeDyunivesiti yaseFort Hare ne-eKhaya ICT, ummeli welali bazakubanakho ukuncedana neemfuno zomphakathi ngendlela eyodwa. Ukumelwa kweemfuno zabantu abasezantsi azifane zenzeke xa sesithetha nge-software, kodwa abahlanganisi be-project bazimisele ukujika indlela yophuhliso baze bahlanganise ngokwemfuno zabantu yaye siyathemba ukuba iziqhamo ze-software eyimfuneko ngokwenyani. Loo-software iyimfuneko ngokwenyani iyakunceda ekuxhobiseni imiphakathi incede nokuba ibe ngamalungu athabatha inxaxheba eluntwini ngeendlela ebezingakwazeki ngaphambili.
iHlelo le-eRhulumente ijonga:
inkalo yoluntu yokuzixhasa ngokunxulumanisa umphakathi nozwelonke ephelele kube ngolohlobo kunyuswa amandla onxibelelwano lwangaphakathi kumphakathi,
inkalo yorhwebo lokuzixhasa ngokuzisa izinikezelo ezenza ingeniso kunye
inkalo yokuzixhasa kokuphatha ngokwakha indima yommeli welali okwaziyo ukunceda ngokuncedana namalungu omphakathi.
Ngcaciso nge-Project: Ukuxhotyiswa kwabantu
i-eRhulumente yindima urhulumente ayikhuphayo ukwenzela babenokufumana iimfanelo zesiqhelo kwi-Internet. Ngesisizathu, asinakho ukunifikelelisa ncakasa ngendlela e-eletronic kwizinikezelo zikarhulumente de kubekho isivumelwano esivulelekileyo. Indlela ekucingwa ngayo eMzantsi Afrika ngoku isiyileyokuba ubani akanakubiza imali ngokukhupha izinikezelo zikarhulumente, nangaphuzulu koko urhulumente akubizayo. Umzekelo, ukuba kubiza i-R45 ukwenza iNcwadi-Sazisi, umntu aknakubiza lo-R45 kunye ne-R20 ngayo, nangona ilungu lomphakathi lizakufuneka lirhole i-R45 kunye ne-R140 yokukhwela kunye neendleko zokwenza isicelo nokuyokulanda leNcwadi-Sazisi eMthatha. E-India i-Drishtee Kiosks zize nesisombululo salengxaki, enceda kuphela kwimeko yaMandiya, kuba apha eMzantsi Afrika owenza isicelo kufuneka ase nezinye iinkcukhacha buqu ukukhusela ebuqhophololweni.
Mabini amathuba ezinikezelo ze-eRhulumente:
1. ifikelele kwisivumelwano norhulumente apho ummeli welali abe ngumkhankasi karhulumente avunyelwe anikezele ngezinikezelo zikarhulumente. Lento iyakwenzeka ngokuqukwa kwe-USAASA kunye needyunivesiti njengamaqabane, okanye,
2. ubani kufuneka alinde: njengokuba izinikezelo ze-eRhulumente zibheka phambili eMzantsi Afrika, kwaye ziiphambili kurhulumente, esisinikezelo siyakuba yinto engamandla apha ebaleni. Njengabantu abayithabathela kuyo kwakudala benamava kwii-MRAs sakuba kwindawo entle yokunceda urhulumente afikelele kubo bonke abantu. Sakuba nakho ukuyiphinda lento nakwamanye amazwe.
Ngcaciso nge-Project i-eRhulumente i-eCommerce Umfuziselo Wethu Inkqubela Yangoku