Village Scribe Association

Umbutho wophuhliso lolwazi oluphezulu nophuhliso kunxibelelwano kwezochwephesho

 

i-Village Scribe Project

Ukukhawulelana nalengxaki, umbutho wabameli uyaphinda kwakhona uba yindlela yokwenza abahlali babenengeniso kwi-Internet. Ziliqela iintlobo ze-eCommerce esizakuzinika ingqwalasela kwelicandelo. Ecacileyo, nesetyenziswa zii-project ezifana ne-Drishtee Kiosks e-India, luhlobo lwe-B2C (okanye i-Business to Client) apho amashishini azama ukuthengisa izinto zawo kwi-Internet kubathengi. Olona shishino yintengiso yomoya (airtime) wemfonomfono, oomasingcwabane (ngenxa yesithethe, imingcwabo ibalulekile kwaye oomasingcwabane bayinto ebalulekileyo), njalonjalo. Olunye uhlobo yi-C2C (Client to Client) okanye uhlobo lokuthengisa nqo, le isetyenziswa yi-eBay. Oluhlobo luyaphononongwa nayidyhunivesiti yaseFort Hare. Ayizozacholo zodwa ekufuneka kunaniselwane ngazo. Koko indalo yamaphandle kunye neenduli zawo nomnombo wazo webhongo zizinto ezibalulekileyo ezinokuthengiswa kukhenketho olunobuntu nezinye iimeko. Olohlobo loshishino lungaqondakaliyo lukwabalulekile ekukhuseleni indalo, ngokungakumbi kungenelelo lwemigodi yangaphandle lwe-titunium kwiinduli zaseXolobeni.

i-Software ye-eCommerce izakwenziwa kusetyenziswana ne-eKhaya ICT kunye nabameli beelali. Izakuvulele imimango yonaniselwano, izakunyus’ ingeniso de ekugqibeleni yakhe yaye igcine imisebenzi. Kulendima abameli beelali bayakunceda abenzi bezacholo noosomashishini ngobukho babo kwi-Internet bafumane nobugcwabalalana ngomsebenzi wabo ukuze bazakhe.

Njengokuba kunjalo kwi-eGovernment Project, izintlu ezintathu zokuzimela ezixhaswe kuqala zezoluntu, zezemali kunye nokuphatha. Ngaphezulu, lomsebenzi uqinisa uluhlu lwendalo lokuzimela.

i-eCommerce Project: Ukondla abantu

Inokuzalana kakhulu kunye ne-eGovernment Project kwaye ikhokelwa yi-village scribe, i-eCommerce Project ivumela iintlobo zeendidi ze-electronic commerce zenzeke, ntoleyo eyakuzisa umphakathi nqo kwi-global marketplace. Ngaphambili, elishishini beliwunika omawukwenze umphakathi. Kuba kukho i-eCommerce software umphakathi ufanele ufumane ithuba lokuthabatha inxaxheba uzuze kwelishishini likazwelonke.

Imvelaphi nomxholo: ukunqaba kwemisebenzi kuyingxaki enkulu kwi-MRAs. Kukhokelela ekufudukeleni ezidolophini ezinkulu kwabantu abakwixabiso lokuphangela, kushiyeke ngemva abantu abadala nolutsha. Lento ikhokelela ekuphasalakeni koluntu kwezondawo ngoba kwezindawo iintsapho ziphasalakile. Ngokungothusiyo awona malungu omphakathi ankrelekrele nathembisayo ayemnka, ntoleyo exutha ezondawo eyona nto ibalulekileyo – abantu bayo. Enyanisweni, uhlobo lobonelelo (indodla) kwabadala, ukuthi: ipenshoni, nesibonelelo sabantwana, kuqinisekisa ukuba ulutsha nabadala kumphakathi banobugchwabalalana abaphila ngabo. Lemali iyintsikelelo kwanesiqalekiso. Izisa imali yetekisi ebantwini phantsi. Kodwa ikwabulala ukucinga kwiindawo ezihlelelekileyo. Ngokwesithethe saseAfrika kusetyenzwa ngokulima nokufuya, kwenziwe nomsebenzi wezandla. Lomsebenzi ubonakala ungahoyakalanga emveni kokuziswa kwezizibonelelo. Kodwa ke ubomi bokuxhomekeka kwindodla bukhangeleka bukhokelela ekuhleni kokuzithemba, kokuhla komxhelo nakuzithanda kwiindawo ezihlelelekileyo njengokuba kusenza naphina apha ehlabathini.