Umbutho wophuhliso lolwazi oluphezulu nophuhliso kunxibelelwano kwezochwephesho
Umbutho wophuhliso lolwazi oluphezulu nophuhliso kunxibelelwano kwezochwephesho
i-Village Scribe Association
Esisebenzisana Nazo
Eyokuqala: i-ECSPIRT Project
Eastern Cape Schools Participatory Internet Research and Training Project
Imvela phi, iinjongo kunye nendlela yokwenza
Owona mngeni kwizikolo zaseAfrika lunqongophalo lootitshala abagqibeleleyo. KwiMpuma Koloni iyodwa, ootitshala beZibalo neNzululwazi abangama-900 bayafuneka. Inxenye yalomngeni kukuba inani elikhulu lwezikolo zasemaphandleni kweliphondo zisekhusini yaye zinolwakhiwo olungancumisiyo (akukho mbane, manzi okanye ezinye izinto). Iimeko ezinjalo zikho zifumaneka kwiAfrika. Abantu abafundileyo bayemka; ootitshala abahlali kwezondawo into ebanika indlela ende ukuya emsebenzini, ntoleyo ephazamisana nengqiniseko yokubakho rhoqo esikolweni.
i-ECSPIRT Project izama nokuzisa isisombululo esintlu-mbini ukukhawulelana nalomngeni apho kukho khona iikhomputha ne-internet (kulendawo bayifumana kwi-Solar School Computer Project). Okukuqala, eqhubekekayo, inengeniso yaye ezimeleyo ingqeqesho izakusekwa. Oko kuyakuqinisekisa ukuba uluhlu lwabafundi bayakufumana uqeqesho olufanelekileyo nokuba nayo indawo yekomputha iyakube isetyenziswa lonke ixesha. Okwesibini okuhambisana neprogram yoqeqesho, i-software entsha i-awareNet iyakusetyenziselwa ukuncedisana nabafundi. I-awareNet yi-software enemfundiso evela kwi-eKhaya ICT. ka iphelele.
Akuyondlalo ukuqala uqeqesho olunengeniso. Ubani umele ukuba aqinisekise ukuba wonke umntu othabatha inxaxheba kuqeqesho olo uyaphumelela, yaye awuphephe umgibe wokuwisa umxhelo wabantu wokuba ekugqibeleni imali iphelile. Yilonto, intlawulo yootitshala iphelela kwi-bonuses yaye iquka ekwenzeni abafundi bakwazi ukuzimela. Emveni kwesigaba esongezelelweyo sokuqala apho ootitshala besebenza beqeqeshwa, indawo yee-computer ingaphathwa ngokuyimpumemelo ngabafundi aba-organised. Endaweni yokubeka imfuno kwimali, kukhuthazwa umgangatho woqobo lwenkqubela, ntoleyo eyenza ukuba ingeniso ibemandla yaye kutkho ithemba lokuba iyakuba nenzuzo yethutyana nexesha elide kubafundi abakwinkqubo le.
Iincukhacha ezithe vetshe nge-ECSPIRT Training Program ne-awareNET >>
Okusekugqityiwe:
Engaphambili:
i-Solar School Computer Project
Ingcaciso nge-project, Abathabatha Inxaxheba, Iinjongo
i-Solar Electric Light Fund (SELF), i-NGO esekezelwe e-Melika esebenzisana nenkampani yalapha eMzantsi Afrika i-eKhaya ICT, ifakela i-indawo ethatha ambune elangeni yee-computer eZwelenqaba Senior Secondary School eTafalehashe kwindawo ebisaziwa ngokuba kuphesheya kweNciba (Transkei – South Africa). Iqela lwabafaki-mali bayayixhasa le-project, umz. i-Kellogg Foundation, i-JPMorgan Chase Foundation, kunye ne-Dell South Africa Development Fund. Le-project yagqitywa nge-opening ceremony nge-1st ka-August 2008. Sithetha nje ootitshala nabafundi bakuqeqesho lokusebenzisa nokufa iteknoloji yee-computer ukwenzela ukuba inkqubo yoqeqesho nokudlulisa ulwazi izihlawulele kwixesha elizayo. Eyona njongo yale-project kukufumanisa ngokusetyenziswa kwe-internet kwiizimbo ezintsa ezikhuselekileyo kwaye kufakelelwa ufundo lwamgama olunokuphindwa kuyo yonke i-MRAs zaseMzantsi Afrika.
Iinkcukhacha ezithe vetshe nge-Solar School Computer Project kunye nenkqubela ekhoyo >>
Uluhlu Olutsha Lwe-Projects: Ukuxhotyisw Kwabantu nokukhuliswa Kokuzimela kwe-Village Scribe Project
Nje xa i-ECSPIRT Project iqhuba ngokuyimpumelelo, kwaye neetitshala nabafundi benakho ukusebenza ngokuzimela, sizakuba kwimeko yokwandisa i-Project kwezinye izikolo ezifikelelayo kwimiqathango yethu. Ngelothuba, i-project elandelayo iyakwaziswa. Kuba i-project leyo iyakuba isenzeka kwiilali ezinendlala, kwaye kuba olona hlobo lomsebenzi kunye noqeqesho lwakube lusenzeka kubantwana besikolo, kubalulekile ukuba nabazali babantwana baboniswe le-technology abantwana babo bayifundayo. Ukungawuquki wonke umphakathi kuyayidodobalisa i-project yaye kuyivimba indima enkulu ebinokuyidlala indawo yee-computer. Ngaphezulu, ngokuthabatha inxaxheba nokuqonda, silindele umphakathi uyixabise lendima ngokwenjenjalo uncedane nokuyicoca nokuyikhusela. Akufuneki baphazamisane nabantwana babo abazali ekusebenziseni le-technology isandula ukwaziswa; ndaweni yoko kufanele ukuba ibe yinto imalungu onke osapho anakho ukuyixoxa.
Izixhobo zee-computer kunye ne-Internet zivulela iqela lweenjongo kubahlali bomphakathi abaqondayo ntoleyo ephucula imeko yezoqoqosho ngokuthi ifikelele ngokuthethisana nomphakathi we-Internet waseMzantsi Afrika nowomhlaba jikelele. Nangaphezulu, ezizixhobo zinekezela urhulumente ithuba elibalulekileyo lokunxulumana nomphakathi wasemaphandleni, ebesoloko zivimbakele ngenxa yomgama. Ezizinto zimbini, ezibizwa nge-eCommerce ne-eGovernment, zizisa ezona eyona ibambekayo nekhawulezileyo kumphakathi. Ingxaki iba kukuvula isakhono sazo kumphakathi. Okwangoku, awukwazi umphakathi ukusenzisa amathuba avezwa yi-Internet ngoba awunalwazi nomqondo owaneleyo ngezixhobo ezifunekayo ukufezekisa esisixhobo. Ngumntu olilungu lomphakathi onolwazi nge-Internet kuphela onakho ukwenza esisixhobo sifikeleleke kumntu wonke. Ngulombono lo umbutho wethu ulithatha khona igama lawo: i-village scribe ngumntu ozisa i-digital services kumphakathi ukuphucula ubomi bawo. Imbono enje singayithelekisa nemeko yeendawo ezininzi zase-Europe kwinkulungwane yeshumi elinesithoba (19th century) nangaphambili, ngexa i-village scribe yadala unxibelelwano phakathi kwelizwe nelali ebingakwazi ukufunda nokubhala.
Iinkcukhacha ezithe vetshe nge-The Village Scribe Project siquka i-eGovernment ne-eCommerce >>
Ii-solar panels zaseBafazi JSS ezafakelelwa kwi-Solar School
Computer Project.
Abafundi baseBafazi JSS bazijonge ngamehlo abomvu izifundo ze-computer.
Umnu. Yankee, ititshala ye-Geography, kwindawo entsha ye-computer e-Zwelenqaba SSS, uyakwazi ukubona yaye alungise iingxakana ze-computer kwaye ukukhuthalele kakhulu ukufunda ngokuprograma.
Umnu. Ziduli, umphathi weZwelenqaba SSS, umnu. Wertlen we-eKhaya ICT nomnu. Mamane, ititshala yaseZwelenqaba SSS bahlola enye yee-laptops ezintsha.
Isikhululo se-WiMAX soonomathotholo kunye ne-wireless Internet access.
Ukufakelwa kwe-solar panels