Association for the Advancement of Innovative Information and Communication Technologies for Rural Development

Village Scribe Association

 

i-Project ye-Computer Yezikolo Yamandla Elanga

Indawo ekuyo i-project

Lonke ulwakhiwo kunye nofakelo selugqityiwe yaye selusetyenziswa ngabafundi nangootitshala.

Amandla ombane: Obubucukubhode bunamandla afika kwi-4400W. Oku kwanele kumsebenzi weeyure ezilishumi kwi-computer ezingamashumi amabini enesihlanu ezikwigumbi. Ukusetyenziswa kwamalungu esiqhelo kukhusela ulolongo oluvela kuluhlu lwesiqhelo olucwangcisiweyo lwesebe. Ngaphezulu, sihlanganise olwethu ucwangciso lokulondoloza sino-Alan Holder, ongumlungisi wobuchwepheshe ovela kwivenkile engaphaya kwendlela. u-Alan ujongana nobucukubhode bomoya nobamandla elanga evenkileni ngoko uyakwazi ukubona nyanga zonke ukusebenza kokufakelwe ukuba kusebenze ngamandla elanga kunye nokukhathalela amagqwithigqwithana ootitshala abangakwaziyo ukuwakhathalela. UMnu Yankey, ongutitshala weGeography esikolweni ekwangusekela nqununu, ulawula ujongo lwamihla le lombane. Amalahle omlilo igcinwa kwigumbi elikhethekileyo lamalahle omlilo, eligcina ubushushu bungehli okanye bunyuke yaye iqinisekisa ubomi beminyaka elishumi elinesibini kumalahle omlilo ewodwa.

Igumbi lee-computer: iDell South Africa Development Fund, ebe ngugxa we-SELF eMyeka High School Kwazulu-Natal ngendlela eyimpumelelo, eyenze isipho sazo zonke izixhobo eziyimfuneko ze-computer kwi-project le. Ezi-computer zii-laptops, ezamkeleke kakhulu, kuba zinokugcinwa kwindawo ekhuselekileyo emveni kokusetyenziswa. Kananjalo zinokuqukwa kwizifundo zamagumbi okufundela, njengokuba ziphatheka yaye zisebenzisa uqhagamishelo olungafuni zintambo, okunqanda ukufakwa kweentambo ze-ethernet kumagumbi okufundela onke. Enkosi nangamalahle omlilo azo abangela ukuba zisebenziseke nakumanye amacala esikolo angenawo umbane. Njengoko bekucingeleka, ii-laptops zibonisa ukomelela kwiimmeko ezimaxongo. Ukungabikho kwee-fan ezinkulu kunqanda uthuli lungonakalisi izinto ezisebenza ngombane, yaye asikhange sibe nayo nenye i-laptop (kwezingamashumi amathathu anesihlanu) eziye zophuka okanye zonakale, nangona sisetyenziswa kakhulu kangako.

Engaphambili: Igumbi le-Computer Lamandla Elanga eZwelenqaba Senior Secondary School.

Ingcaciso nge-project, abathabatha inxaxheba, nendlela yokwenza

i-Solar Electric Light Fund (SELF) umbutho waseMelika  ukunye neshishini laseMzantsi Afrika i-eKhaya ICT uqalise igumbi le-computer elisebenzisa amandla elanga eZwelenqaba Senior Secondary School eTafalehashi kwindawo ebisakwaziwa njengeTranskei (eMzantsi Afrika) nokunye okungaphezulu onokufunda apha ngasezantsi! Abona baxhasi ngezemali yi-US-American Kellogg Foundation, abanye abanikezeli ndima baquka i-JP Morgen Chase Foundation kunye neDell South Africa Development Fund. Eyona ngqwalasela yale-project kukuphanda ngosetyenziso lwe-Internet kwiindlela zokwenza zokuyila unxibelelwano emaphandleni nokudala imfundo yakude enokuphindwa kuwo wonke uMzantsi Afrika kwindawo ezinganikwa ngqwalasela (MRAs).

Enye ingqwalasela engaphezulu yale-project, eyinxenye yophando olukhulu olwenziwa kunye neDyunivesiti yaseFort Hare kunye neDyunivesiti yaseRhodes kwezinye izikolo ezihlanu ezinendawo ze-computer kufuphi neDwesa kumgama ongama-30km ezantsi kweTafalehashi, kukwakhiwa nokwenziwa kokuzimela kokusetyenziswa kwe-Information and Communications Technologies (ICTs) kwii-MRAs. Sijonga iindlela zokubangela izixhobo zolwazi kuluntu zifumaneke kwi-Internet, ukufakela igumbi ngokunokwalo lubenokuzimela. Umphakathi waseTafalehashi umele ubenokuzuza ingeniso eyaneleyo kwi-ICTs ukuze olufakelo lube nokuzimela. i-project ngokunokwayo iqingqe imali yendleko zokulondoloza iminyaka emithathu, ukunika umphakathi ithuba lokuyithabathela kuwo.

Ngo-2008, ezizinto zimbini zamanyana zenza iSiyakhula Living Lab, indawo yokuxolonga ye-ICT, eyamkela abasebenzisi ukuba baqhube umsebenzi we-ICT. Ukuthabatha inxaxheba kweeLiving Labs kubanzima ukukuqalisa xa abasebenzisi benendelelo yaye bengenalwazi lwaneleyo. Amaxesha amaninzi isigaba soqeqesho siyafuneka, phambi kokuba abahlali babe ubuchwepheshe ibe bobabo ngenyani. Nangoko, ixesha elininzi ligcudwana nje eliye likwazi yaye kufuneka babe ngumzekelo kumphakathi uwonke. Imisebenzi eqhubekekayo ifaka imiphakathi yaye abaququzeleli/abaqeqeshi bomphakathi ababini baqeshiwe (jonga i-ECSPIRT Project neProject yabaMmeli beLali). i-Siyakhula Living Lab ililungu le-European Network yeLiving Labs (EnoLL) yaye ixhaswa yi-COFISA neTelkom Centres of Excellence eDyunivesiti yaseRhodes neDyunivesiti yaseFort Hare.

Ingcaciso nge-project    Uvulo Olukhulu    Inkqubela yangoku

Umxholo: inyani yokuba sinonxibelelwano lwe-Internet ivula ihlabathi kumathuba xa sijonga kumxholo. Kwakhona sinomnikelo ovela kwi-LearnThings enomxholo we-multimedia yabantwana abakwiminyaka yama 12-17, esetyenziswa kakuhle ngabafundi. Eyona ibalulekileyo nephambili injongo ye-project nembono ye-eKhaya ICT kukucwangcisa umnatha 2.0 weqonga i-awareNet kunye nezizifundo, ukuze umxholo omninzi uvele kubafundi ngokunokwabo, ngokungakumbi xa kudityaniswa nezikolo ezisebenzisanayo ezikufuphi (jonga kwakhona kwi-ECSPIRT Project). Ukusetyenziswa kwe-Internet kusaqala ezikolweni. Ootitshala bayafunda ukuba imiqathango engqingqwa malunga ne-bandwidth nokugxalathelana ekusetyenzisweni kufanele kumiswe.

Uqeqesho: Maninzi amathuba oqeqesho: i-LearnThings yenze imfundiso malunga nomxolo wofundiso lwabo olumisiweyo. iSebe lezeMfundo (Curriculum Section) liqeqesha bonke ootitshala eMpuma Koloni ukuba bafakele ii-computer kucwangciso lwabo lwezifundo. Isebe libenakho ukukhawulezisa abanye bootitshala ukwenzela lenkqubo. IDyunivesiti yaseRhodes neDyunivesiti yaseFort Hare ziyangenelela kulendawo, ngokungakumbi malunga nemfundo yabadala kunye nemfundo yasemva kwemini. i-ITEC yaseMonti yenzele ootitshala izifundo ezimbini zokuqala kwi-IT-Training.

Ukufakelwa kwe-Internet: Sikhethe ubuchwepheshe i-3G (Edge – Vodacom and MTN) ukuze sifakele i-Internet.

Intsebenziswano nezinye izikolo ezisebenzisanayo: Mhlawumbi enye yezona zihlwabisayo immeko ze-project lithuba lonxibelelwano olubanzi kwezinye izikolo ezibini ezisebenzisanayo zovavanyo kwingingqi. Pha ngakwaDwesa, sizimisele ngamandla ukudibanisa sisebenzisa amandla e-WiMAX kwezizikolo zihlanu zibikwe ngentla sisebenzi i-WiFi ne-WiMAX. Ucwangciso lonomathotholo kulengingqi selwnziwe nocwangciso lobuchwepheshe seluzotyiwe yi-eKhaya ICT. Le-project iyakuqhutywa ngonyaka ka-2010. kwelinye icala, uMnu Jeff Brown, oyingcaphephe yobucukubhode ezimeleyo kwi-Hole-in-the-Wall, selefumene amalana yaye wakha i-umtyangapho we-WiFi phakathi kwezikolo ezinombane namagumbi ee-computer phakathi kweZithulele nonxweme. iTafalehashe ineentambo eziya eZithulele ngako oko kuyakuyiwa khona ngolunxibelelwano ngaphandle kwamathandabuzo. Olunxibelelwano lucingwayo lukhangeleka ngathi lubheka phambili kancinane.


Ezinye izikolo ezifakelwe kule-project

ii-Junior Secondary Schools (JSS) ezimbini ezingamasebe ezikulenkqubo yiBafazini JSS neKwantshunqe JSS. iBafazini JSS ikwayinxenye yenkqubo yokuphuhlisa izikolo ephethwe yiNelson Mandela Institute eMonti. iKwantshunqe JSS sisikolo esisebenzayo, ntoleyo emisa umgama xa kuthethwa ngokuzinikezela kootitshala. Ootitshala ezikolweni bayafakwa kuqeqesho olwenziwayo. Abafundi banethuba lokusebenzisa elona qumbi eZwelenqaba emveni kwesikolo. Ngexesha lesikolo, abafundi bayakhuthazwa ukuba bavumele imisebenzi emalunga nee-computer egumbini lokufunda ukuphucula umdla kwakunye namathuba okufunda njengezinto zokwandisa imimango.


Apha ungafumana iinkcukhacha ngoVulo Olusesikweni lweSolar School Computer Lab ngomhla wokuqala ku-August ka-2008 >>

Funda kabanzi ngenkqubela yeSolar School Computer Project >>

Bukelwa umboniso ovela kwi-Medipix ne-SELF weSolar School Computer Project >>

iZwelenqaba SSS eTafalehashi kwingingqi eyasakwaziwa njengeTranskei, eMzantsi Afrika

Abafundi kwithala leencwadi eZwelenqaba SSS

isikolo iKwantshunqe JSS imelene nqo neZwelenqaba SSS.

i-VSAT transceiver efakwe eMpume JSS kwaDwesa kunye noNkosikazi uGxarisa noMnu Jebe.

Umfanekiso obonisa umhlaba ophakathi kwezikolo iBafazini neZwelenqaba ubonisa gca ukufaneleka kokusetyenziswa kwe-WiFi ukudibanisa izikolo.

Isefu entsha egcina ii-laptops ze-computer lab emveni kwezifundo ekhuselekileyo engabizeli amehlo kangako kuyo.

Z SSS

K JSS

Ufakelo lwepali ezisebenzisa amandla elanga eBafazini JSS