Village Scribe Association

Umbutho wophuhliso lolwazi oluphezulu nophuhliso kunxibelelwano kwezochwephesho

 

Iintshukumo Ezingenelela Kwizizukulwana Zinefuthe

Izakhiwo zesikolo, singaquki izibhedlele nezikhululo zamapolisa, ubukhulu becala zikwimeko entle yaye zikhuselekile xa zithelekiswa namakhaya ethu. Lenyaniso kunye nobukho babafundi nootitshala, abaya nee-computer emsebenzini babalulekile ekukhetheni indawo yee-computer. Kodwa akwanelanga ukujonga kubafundi kuphela xa sifuna ukuguqula umphakathi uwonke. Amanye amalungu omphakathi kufuneka afumane amava ngamanye alamathuba, azuze iziqhamo ngokuqonda obubucukubhode. Kuyakuba lula kakhulu ukuqalisa ezinye iziqhamo kwezi-project ze-computer kwi-MRAs. Incoko engadli kakhulu neendawo ezisingqongileyo, ukuzisa izinto zikarhulumente kunye nezemfundo yabadala kumphakathi (ukonga indleko zokuya edolophini), ukuthengiswa kwezinto nokuthengiswa kwenraso-kamva zinto ezivuleleka kumphakathi kuphela xa kukho ubucukubhode bee-computer. Kuba izinga lolwazi lusezantsi kwimiphakathi eloluhlobo kuyimfuneko ukuwanceda amalungu omphakathi ukuze afumane izinikezelo ezivumelekileyo kubo. Uhlobo olusebenze ngokuyimpumelelo e-India, kukumema ngenkathalo ilungu lomphakathi elikholelwayo kulenkqubo ngokwenza imali-mboleko athenge ingxowa yencoko – equka okubambekayo (hardware) nokungabambekiyo (software) okuyimfuneko ukuqhuba indawo ye-multimedia yelali. Ngokungaphandle kwezinikezelo zemfonomfono, izinikezelo zikarhulumente nenxaso-kamva (insurance, njalonjalo) zingakhutshwa nazo kwii-MRAs. Itno enjalo ingathelekiswa nemeko yendawo ezininzi e-Europe ngenkulungwane yeshumi elinesithoba nangaphambili, xa ummeli welali wayemiswa malunga nasehlabathini ukwenzela abantu belali ababengakwazi ukufunda nokubhala. Ngalendlela, amathunga aqhelekileyo engxelo abengathi kanti selefumaneka kumphakathi (umzekelo: GPRS okanye 3G) angasetyenziswa ukuzisa ingeniso ngaphakathi nangaphandle komphakathi. Lento iyakukhawulezisa ukamkelwa kobucukubhode ngaphakathi emphakathini. Xa libonwa elona xabiso sokusetyenziswa kobubucukubhode, ukuzimela nexabiso lethuba elide lobucukubhode lakuba likhule ngamandla.

ii-Internet nencoko engaxabisi kakhulu ivula ezinye indlela zokwenza imali kwi-MRAs, ezinye zazo ezisaqala nje ukuphandwa. Eyokuqala yingeniso evela kumalungu osapho ahlala kwezinye iindawo. Kwelihlabathi lethu libunjiweyo le yinto eqhelekileyo yaye izinikezelo ezintsha ziyavela ukuzisa ingeniso ebalulekileyo nangona incinane zibuyela kwii-MRAs. Amathuba okunyusa lamajelo nge-Internet makhulu, kuba imijelo emitsha iyakuvuleleka nezisezikho zinokusebenza zingakhwazi ngokongezelekileyo nangokukhuselekileyo. Enye enethuba elibaluleke nangaphezulu nevumela ithuba kukwenza umxholo wasemoyeni. Ulwazi ngezemveli, umculo, iintsomi kunye nezithethe zidityaniswa nedlelo eliqheleqhele neendawo ezingaphazamisekanga kakhulu zingathunyelwa ngokuqhafaza kwi-Internet. Ngohlobo olwenzeka rhoqo olulwazi lungaba nexabiso eliphezulu. Amashishini amazwe aselephuhlile abonisile amaxesha ngamaxesha ukuba nabaxasi kwanele ukwakha umthombo wengeniso, umzekelo; ngokusebenzisa iintengiso zokwamkela ngokucofa. Yinjongo yethu ukufumanisa ukuba bobuphi na ubucukubhode nokuba kokuphi na ukuthengisa okufunekayo ukubumba lomxholo woqhafazo ngoncedo lwabantu ukwenzela ukuba kubunjwe imithombo ezimelayo yaye ephuhlisa imithombo yengeniso kusenzelwa abantu ngokunokwabo. Ngaphandle kwengeniso uqobo, ngokwandisa umdla wehlabathi kwii-MRAs ne-Afrika jikelele kwelinye icala nokunxaniswa umdla womphakathi kulwazi lwehlabathi kwelinye icala, imiphakathi yee-MRAs iyinto ekhuthaza kakhulu. Ukuqonda ukuba ezinye izizwe zizisombulule njani ezazo iingxaki, ukwazi imeko yepolitiki yelizwe lakho, ukuthetha ngaphakathi nomhlaba jikelele nokuqonda ukuba ubani angawenza umahluko ngokwakhe – konke oku kuyimfuneko yokuphuhlisa ubuntu kwii-MRAs, ngoba abantu bayakusombulula ingxaki zabo ngokwabo.

Umzekelo:

  1. Bullet Izifo ezichaphazela uluntu luphelele ngenxa yokungazi (umzekelo: indlala), njengemaleriya, isifo sephepha kunye nogawulayo kuyakuba lula ukuzilawula, apho ulwazi lwalemihla sele inengcambu.

  2. Bullet ii-project zolwakhiwo zingaqondwa zibe nembuyekezo enkulu kutyalo-mali. Ingaba yaye kufanele ibe yilomeko ebangela izitho zabantu bendawo zibe nolwangezeleko ukuqheba kufakwe ii-project ezinjalo, nokuzigcina zisebenza. Le yimeko yengeniso ebalulekileyo kwingingqi yaye eqinisa impucuko yeemeko zentlalo ngeendlela ezamkelekileyo eluntwini lwangaphakathi.

  3. Bullet Iindawo sasemaphandleni eziphucukileyo ziyakugcina abantu bazo bekulondawo nto leyo eyakuvumela ukunyuka kobungcono ngokohlukileyo kolutshitshilizo lwangoku. Ukukhula kwencoko nezinye ezinjolo kuyakwenza ezindawo zibe ntle kumashishini azimeleyo, afana nentengiso yomoya, i-IT, intengiso yemfonomfono, njalonjalo. 


Ungaze Uzidele Iinkcukhacha Zobucukubhode

Ummeli welali umalunga nokusasazwa okunenkathalo nokunyanisekileyo kobubuchwepheshe. Akusilahlekanga ukuba ukufakela ubuchwepheshe bee-computer kwii-MRA akuyondlwana iyanetha. Ngalomzuzu sethethayo kubalulekile ukuba uhlobo oluthile lwesakhiwo selelukhona. Umzekelo, umbane kunye neentambo zonxibelelwano ziyafuneka. Kodwa ke ubucukubhode bamandla elanga balemihla nobusebenza ngamandla abantu buyalukhulula oluxinizelelo yaye benza kubelula ukuzisa izinto ezingakhwaziyo kwiindawo ezinjalo (umzekelo: i-XO laptop yombutho i-OLPC). Nangaphezulu, kukho neengxaki zokhuseleko kunye nokulondoloza. Amathuba amaninzi izixhobo ezixabisa kakhulu ziyebiwa okanye ukuba zonakele, akukho mntu wokuzilungisa. Ezingxaki zingajongwa nganye-nganye, kodwa ke zikhona iindlela zokuzikhusela nokuzilondoloza, eziphungula ezongxaki. Okona kubalulekileyo, njengokuba ubuchwepheshe be-computer buyabuxhaphaka nabantu bayalibona ixabiso lwezizixhobo, bayakwenza iindlela zokukhusela nokulondoloza ezizixhobo njengokuba bezikhusela ezinye izinto zabo ezibalulekileyo (intsebenziso, ukuncedisana, ukuba lufunyanwa njani na ulwazi ngokulungisa, ukulumka, ukugcina kwindawo ekhuselekileyo).


UMbutho wabaMmeli Uyazikhuthaza Iinjongo Eziluqilima nee-Project

Siyibona injongo yomsebenzi wethu inenzuzo ekugqibeleni. Ukuphuhlisa abantu abahlala kwii-MRAs ngendlela etyhilekileyo kuyakuba nenzuzo nqo kumntu wonke wehlabathi:

  1. Bullet kuba ezindawo zasoloko zigcine uhlaza kunye nenxenye yeenyamakazi zehlabathi, 

  2. Bullet ukhuseleko lwazo olubalulekileyo,

  3. Bullet ukuthobakala koxhomekeko kumazwe aphuhlileyo nokulingana kwehlabathi.

uMMeli weLali umalunga nokujonga ii-MRAs ngobuntu nokusebenzisa uphando lwangoku nengqiqo ukufumana iziphumo zokwenyani kwi-project enye ngexesha. Ukufikelela kwinjongo yethu, siyakuxhasa sincedise nangengxowa-mali kwiintshukumo zemibutho ethile ekhoyo ezisa i-internet kwii-MRAs nezihambisana nombono wethu nezi(ngokokukhetha kwethu)ququzelelwa ukwandisa ukusetyenziswa kwezinto phakathi kwazo.


ii-Project esifuna ukuncedisana nazo

  1. Bullet Engaphambili i-Project ye-Computer Yezikolo Yamandla Elanga

  2. Bullet i-Project yokuqala i-ECSPIRT Project

  3. Bullet ii-Project Ezilandelayo  i-Village Scribe Project (iquka i-eGovernment ne-eCommerce Project)

Ukuqhubekeka  -  emva