Village Scribe Association
Village Scribe Association
Umbutho wophuhliso lolwazi oluphezulu nophuhliso kunxibelelwano kwezochwephesho
i-Project yee-Computer Yezikolo Esebenza Ngemitha Yelanga
Uvulo Olukhulu lwe-Lab yee-Computer Yezikolo Esebenza Ngemitha Yelanga
Ngeminazana eyayifudumele nangona yayinomoya, uvulo lwaluyimpumelelo egqibeleleyo yaye njengokuba omnye weendwendwe watsho – yaafumana inkxaso enkulu. Nyanisweni imini yaqala ngetlanganiso eyayiphakathi koDelano De Witt waseDell South Africa Development Fund kunye noRon Wertlen we-eKhaya ICT, endleni yabo evela kwisikhululo seenqwelo-moya saseMthatha besiya esikolweni. Kulentlanganiso, uMnu De Witt wacacisa ngokufunwa yiDell SA Development Fund ngokunxulumene nee-project watsho kananjalo ukubu le-project inekamva elincumisayo.
Ngentsimbi ye-10:00 kweenziwa umboniso kwi-computer lab esebenzisa amandla elanga. Abafundi bahlala kwii-computer bafunda imibhalo ye-Wikipedia, babukela ii-video ezinefundiso baza benza imibono ehlanganisayo besebenzisa izixhobo ze-Learnthings. Zazithabatheke kakhulu zonke iindwendwe; ezinye zazisithi le ligumbi lokufundela elingumzekelo. Iindlela zokhuseleko zaba ngumdla omkhulu kumntu wonke.
Ngentsimbi ye-11:00 enkqayini, uMnu Qendu weSebe leMfundo (DoE) wavulela izithethi, ezenzelwa kwiholo yecawa yaKwantshunqe. Ngethuba lenkqubo abantwana baseBafazi naseKwantshunqe bacula beduda. Umculo wabafundi ohlwabisayo phantsi kwesandla sikaMnu Sandile wada wenza amanye amandwendwe aduda eqongeni. Iintetho zeenziwa zamfutshane kuba imini le yayingengakuthetha, kodwa yayingamandla afunyanwa elangeni, ii-computer, ngemfundo nangokubhiyoza. Abenzi bokutya ababefumana uncedo lwemali kwiSELF bedibene nezikolo zontathu bondla zonke iindwendwe nabafundi ngesidlo semveli sasemini senkuku emnandi nenezongo. Ngaphezu koko izikolo zanceda ngokuqeshwa kweholo nangezixhobo zesandi.
Embeni kwezithethi kwabakho ithuba lokuthabatha imifanekiso yesikolo sonke phambi kweezipili ezisebenzisa amandla elanga. Umdudo, unikezelo mabhaso kwaba babephumelele ukhuphiswano lwezikolo lokuzoba (indlela abantwana ababetolika ngayo imifanekiso emele isikolo) kunye nomnye umdudo wabhiyozela lombiyozo. Ababephumelele ukhuphiswano babeswele amazwi ngokufumana amabhaso (isingqinisiso sokuphumelela, amatikitana analomifanekiso bayizobileyo kunye nezixhobo zokuzoba nezokubhala ezisemgangathweni) phambi kwenginginya yabafundi yaye yaba liwonga ukuthatyathwa umfanekiso nokufilimishwa kananjalo. Imifanekiso echaza izikolo zashicilelwa kumatikitana amaka esenza ii-computer zibukeke.
Utyhilo lubeyimpumelelo enkulu, olwavul’ ingqondo lwaza lonwabisa bonke ababekho. Into enokugxekwa kukuba zazingekho izinto ezifakwa ezindlebeni zokumamela kwii-laptops, nto leyo sasingekayifaki, ngenxa yokucingela ezempilo (kodwa ke sisakulungisa oko).
Inkqubo Yovulo Olukhulu
10:00 - 11:00 Umboniso nabafundi e-lab
11:00 Umsitho Wotyhilo
Umbuliso nguMnu Qendu (weSebe leMfundo, e-Elliotdale)
Malunga ne-project: nguMnu Freling (we-SELF, e-USA)
Umsitho Wonikezelo: nguMnu Freling noMnu de Witt (weDell South Africa Development Fund, eRhawitini
Ingxelo evelo ezikolweni: nguMnu Ziduli (inqununu yaseZwelenqaba SSS)
Okungasebenzisi zintambo kumphakathi nezikolo: nguMnu Lissoos (weDabba Telecom, eRhawutini)
Ikamva lale-Project: nguMnu Wertlen (we-eKhaya ICT, eRhini)
Ilizwi Lokugqibela: nguJohn Bartlett (weSebe leMfundo, eMpuma Koloni)
12:15 Ikwayala
13:00 Isidlo Sasemini
13:15 Ikwayala
13:45 Omnye Umboniso nengxoxo nge-Lab
15:00 Umvalo
Guest List
uMnu Robert Freling, weSELF, eWashington D.C.
uMnu Delano De Witt, weDell South Africa Development Fund, eRhawutini.
uMnu Ronald Wertlen, we-eKhaya ICT, eRhini
uMnu Rael Lissoos, weDabba Telecom, eRhawutini.
uNkoskz Sonqishe, weSebe leMfundo (DoE) eDutywa, ongumququazeleli wequmrhu e-learning, nabalingane ababini.
uMnu Safa, weSebe leMfundo (DoE) eDutywa, oyi-CES yabasebenzi.
uMnu Qendu, weSebe leMfundo (DoE) e-Elliotdale, osebenzela ingingqi obekwangumphathi theko.
uMnu Bartlett, weSebe leMfundo (DoE) laseMpuma Koloni, ungusolwazi kwi e-learning.
uNkosazana Tshume, weZiko leNelson Mandela, eMonti, kunye nabalingane ababini.
uMnu Friend, weTelecom Technologies, eBhayi, kunye nabalingane ababini.
uMnu Smit kunye noMnu van Rensburg, weRoshcon, eMonti.
uMnu Dalikwesi, inkosi yendawo.
uMnu Ziduli, ingqununu yaseZwelenqaba SSS.
uMnu Mdenyelwa, ingqununu yaseKwantshunqe JSS.
uNkoskz Nelson, ingqununu yaseBafazi JSS.
Iqela lezinye iititshala kunye neengqununu zezinye izikolo bebekhona kolutyhilo.
uMnu Ziduli, ingqununu yaseZwelenqaba SSS, enikezela iSiqinisekiso Sombulelo kuMnu Freling weSELF.
uMnu Wertlen we-eKhaya ICT evuyisana nophumelele ukhuphiswano lokuzoba , uMaphike Bonga waseZwelenqaba SSS bekunye noMnu Safa (weSebe lezeMfundo)
Entsha i-Solar School Computer Lab eZwelenqaba SSS ngemini
Yovulo Ngokusesikweni ngomhla wokuqala ku-August ka-2008.
uMnu Wertlen we-eKhaya ICT ngelixa esenza intetho yakhe kwiholo yecawa yaKwantshunqe.
uMnu Wertlen we-eKhaya ICT ejuxuza nabafundi baseZwelenqaba SSS.
uMnu Freling we-SELF
ejuxuza nabazali babafundi.
Ingcaciso nge-project Uvulo Olukhulu Inkqubela yangoku
Abafundi baseZwelenqaba SSS kwi-computer lab entsha esebeniza amandla elanga ngemini Yovulo Olukhulu.